-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Deuteronomio 28:41|
Wozala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.
-
42
|Deuteronomio 28:42|
Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.
-
43
|Deuteronomio 28:43|
Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.
-
44
|Deuteronomio 28:44|
Wokuboleka yena, ungamboleki wena; woba yintloko yena, ube ngumsila wena.
-
45
|Deuteronomio 28:45|
Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;
-
46
|Deuteronomio 28:46|
zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;
-
47
|Deuteronomio 28:47|
ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.
-
48
|Deuteronomio 28:48|
Wokhonza iintshaba zakho, ezo aya kuzithumela kuwe uYehova, ulambile, unxaniwe, uhamba ze, uswele zonke izinto, abeke idyokhwe yesinyithi entanyeni yakho, ade akutshabalalise.
-
49
|Deuteronomio 28:49|
UYehova wokuzisela uhlanga oluvela kude, esiphelweni sehlabathi, olutshwebeleza njengokhozi; uhlanga olulwimi ungayi kuluva;
-
50
|Deuteronomio 28:50|
uhlanga olubuso bungwanyalala, olungakhethi buso bandoda inkulu, olungabi nakubabala namfama.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7