-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 32:1|
Bekani indlebe, mazulu, ndithethe; Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
-
2
|Deuteronomio 32:2|
Ichaphaze njengemvula imfundiso yam, Ihle njengombethe intetho yam, Njengomkhumezelo phezu kohlaza, Njengamathontsi phezu kotyani.
-
3
|Deuteronomio 32:3|
Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova: Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
-
4
|Deuteronomio 32:4|
NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe, Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa, uthe tye yena.
-
5
|Deuteronomio 32:5|
Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo, Sizonakalisile kuye—singenyana bakhe, sisiphako sabo.
-
6
|Deuteronomio 32:6|
Nenjenje na ukumphatha uYehova? Bantundini banobudenge, bangenabulumko, Akanguye na uyihlo okudalileyo, Okwenzileyo, okusekileyo?
-
7
|Deuteronomio 32:7|
Khumbula iimini zasephakadeni, Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana. Buza kooyihlo, bakubalisele, Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
-
8
|Deuteronomio 32:8|
Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa, Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, Wayimisa imida yezizwe Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
-
9
|Deuteronomio 32:9|
Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, UYakobi licandelo lelifa lakhe.
-
10
|Deuteronomio 32:10|
Wamfumana ezweni eliyintlango, Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo; Wamwola, wamondla, Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10