- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 32:11|
									Njengokhozi lususela, Lundanda phezu kwamathole alo,  Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha, Wamthwala ngamaphiko akhe.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 32:12|
									Wamkhokela uYehova yedwa, Engenathixo wolunye uhlanga naye.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 32:13|
									Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi; Wadla ke iziveliso zamasimi; Wammunyisa ubusi engxondorheni, Neoli eweni leqhwitha;									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 32:14|
									Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane, Kunye namanqatha eemvana; Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan,  neebhokhwe, Kunye namanqatha ezintso zengqolowa; Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 32:15|
									Watyeba ke uYeshurun, wakhaba; Watyeba wena, wanesibili,  wathi fithi; Wamlahla uThixo owamenzayo, Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 32:16|
									Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 32:17|
									Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo,  Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 32:18|
									ILiwa elakuzalayo walihilizela, Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 32:19|
									Wabona uYehova, wabalahla, Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 32:20|
									Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, Ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; Ngokuba basisizukulwana sempenduka, Ngoonyana abangenantembeko.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18