-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Deuteronomio 32:41|
Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane, Sabambelela elugwebeni isandla sam, Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam, Ndibuyekeze kubathiyi bam.
-
42
|Deuteronomio 32:42|
Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi, Ikrele lam liyidle inyama Ngegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo, Ngentloko enesihlwitha yotshaba.
-
43
|Deuteronomio 32:43|
Memelelani, zintlanga, ngenxa yaba ntu bakhe, Ngokuba eliphindezelela igazi laba khonzi bakhe, Abuyisele impindezelo kubabande zeli bakhe, Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
-
44
|Deuteronomio 32:44|
Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.
-
45
|Deuteronomio 32:45|
Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,
-
46
|Deuteronomio 32:46|
wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
-
47
|Deuteronomio 32:47|
Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
-
48
|Deuteronomio 32:48|
Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi,
-
49
|Deuteronomio 32:49|
Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;
-
50
|Deuteronomio 32:50|
ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10