-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Deuteronomio 20:16|
Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo.
-
17
|Deuteronomio 20:17|
Wowasingela phantsi kanye amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, njengoko wakuwiselayo umthetho uYehova uThixo wakho;
-
18
|Deuteronomio 20:18|
ukuze banganifundisi ukwenza amasikizi abo onke abawenze koothixo babo; none kuYehova uThixo wenu.
-
19
|Deuteronomio 20:19|
Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba uya kudla kuyo. Uze ungayigawuli; kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe?
-
20
|Deuteronomio 20:20|
Ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo wodwa owowonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga umzi olwa nawo, ude uwe.
-
1
|Deuteronomio 21:1|
Xa kuthe kwafunyanwa obuleweyo kuwo umhlaba akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uwume, equngquluzile endle, akwaziwa ukuba ubulewe ngubani na:
-
2
|Deuteronomio 21:2|
ophuma amadoda amakhulu akowenu, nabagwebi bakowenu, alinganise, asingise emizini emjikelezileyo lowo ubuleweyo.
-
3
|Deuteronomio 21:3|
Kothi ke, umzi osondeleyo kobuleweyo, amadoda amakhulu aloo mzi athabathe ithokazi lenkomo, elingasetyenziswanga, elingatsalanga ngadyokhwe;
-
4
|Deuteronomio 21:4|
ahle amadoda amakhulu nethokazi, aye emfuleni ohlala unamanzi, ongalinywanga, ongahlwayelwanga, alaphule intamo ithokazi emfuleni apho.
-
5
|Deuteronomio 21:5|
Bofika ababingeleli, oonyana bakaLevi; ngokuba unyule bona uYehova uThixo wakho, ukuba balungiselele kuye, basikelele egameni likaYehova; kume ngokomlomo wabo ukubambana konke, nokubetha konke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10