-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Deuteronomio 19:7|
Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wozahlulela imizi emithathu.
-
8
|Deuteronomio 19:8|
Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;
-
9
|Deuteronomio 19:9|
xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; usaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;
-
10
|Deuteronomio 19:10|
ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.
-
11
|Deuteronomio 19:11|
Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela, wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;
-
12
|Deuteronomio 19:12|
amadoda amakhulu omzi wakhe othumela, amthabathe khona, amnikele esandleni somphindezeli wegazi, ambulale, afe.
-
13
|Deuteronomio 19:13|
Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wolitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulunge kuwe.
-
14
|Deuteronomio 19:14|
Uze ungawushenxisi umlimandlela wommelwane wakho, abawumisayo abamandulo elifeni lakho, oya kulidla ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime.
-
15
|Deuteronomio 19:15|
Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi one ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.
-
16
|Deuteronomio 19:16|
Xa kuthe kwema ingqina elifumana limbopha umntu, ukuba lingqine okutyekileyo ngaye,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10