-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Deuteronomio 18:9|
Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.
-
10
|Deuteronomio 18:10|
Maze kungafunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,
-
11
|Deuteronomio 18:11|
nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.
-
12
|Deuteronomio 18:12|
Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
-
13
|Deuteronomio 18:13|
Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.
-
14
|Deuteronomio 18:14|
Kuba ezintlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.
-
15
|Deuteronomio 18:15|
UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam: ize niphulaphule yena;
-
16
|Deuteronomio 18:16|
njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.
-
17
|Deuteronomio 18:17|
Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;
-
18
|Deuteronomio 18:18|
ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10