-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Deuteronomio 18:19|
Kothi ke, kulowo uthe akaliphulaphula ilizwi lam, aya kulithetha egameni lam, mna ndiyibuze loo nto kuloo mntu.
-
20
|Deuteronomio 18:20|
Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.
-
21
|Deuteronomio 18:21|
Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angalithethanga uYehova?
-
22
|Deuteronomio 18:22|
ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo; uze unganxunguphaliswa nguye.
-
1
|Deuteronomio 19:1|
Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, wazigqogqa wena, wahlala emizini yazo nasezindlwini zazo:
-
2
|Deuteronomio 19:2|
wozahlulela imizi emithathu phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime;
-
3
|Deuteronomio 19:3|
uzilungisele indlela, uwahlule ube zahlulo zithathu umda welizwe lakho, aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho, ukuze bonke ababulali basabele khona.
-
4
|Deuteronomio 19:4|
Lilo eli isiko awophathwa ngalo umbulali, othe wasabela khona ukuba asinde: Othe wambulala ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili;
-
5
|Deuteronomio 19:5|
waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
-
6
|Deuteronomio 19:6|
hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10