-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Deuteronomio 17:9|
uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba.
-
10
|Deuteronomio 17:10|
Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako.
-
11
|Deuteronomio 17:11|
Ngokwentetho yomyalelo abaya kukuyala ngayo, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenze, ungatyeki kulo ilizwi abaya kukuxelela, uye ekunene nasekhohlo.
-
12
|Deuteronomio 17:12|
Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;
-
13
|Deuteronomio 17:13|
bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.
-
14
|Deuteronomio 17:14|
Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiyakuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:
-
15
|Deuteronomio 17:15|
wozimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
-
16
|Deuteronomio 17:16|
Kodwa makangazandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.
-
17
|Deuteronomio 17:17|
Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.
-
18
|Deuteronomio 17:18|
Wothi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yalo myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10