-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Deuteronomio 17:19|
Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;
-
20
|Deuteronomio 17:20|
ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.
-
1
|Deuteronomio 18:1|
Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.
-
2
|Deuteronomio 18:2|
Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.
-
3
|Deuteronomio 18:3|
Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.
-
4
|Deuteronomio 18:4|
Womnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.
-
5
|Deuteronomio 18:5|
Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke, ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, yonke imihla.
-
6
|Deuteronomio 18:6|
Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,
-
7
|Deuteronomio 18:7|
walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:
-
8
|Deuteronomio 18:8|
wodla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10