-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Deuteronomio 22:13|
Xa indoda ithe yazeka umfazi, yamngena, yaza yamthiya,
-
14
|Deuteronomio 22:14|
yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:
-
15
|Deuteronomio 22:15|
uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazise kumadoda amakhulu omzi esangweni.
-
16
|Deuteronomio 22:16|
Wothi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinikelo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;
-
17
|Deuteronomio 22:17|
yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.
-
18
|Deuteronomio 22:18|
Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,
-
19
|Deuteronomio 22:19|
amhlahlise ikhulu leeshekele zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.
-
20
|Deuteronomio 22:20|
Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,
-
21
|Deuteronomio 22:21|
oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenze ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.
-
22
|Deuteronomio 22:22|
Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10