-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Deuteronomio 22:23|
Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala:
-
24
|Deuteronomio 22:24|
nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
-
25
|Deuteronomio 22:25|
Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.
-
26
|Deuteronomio 22:26|
Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.
-
27
|Deuteronomio 22:27|
Ngokuba uyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.
-
28
|Deuteronomio 22:28|
Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engaganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:
-
29
|Deuteronomio 22:29|
loo mfo uyileleyo womnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.
-
30
|Deuteronomio 22:30|
Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.
-
1
|Deuteronomio 23:1|
Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda.
-
2
|Deuteronomio 23:2|
Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10