-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Deuteronomio 31:25|
uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,
-
26
|Deuteronomio 31:26|
Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.
-
27
|Deuteronomio 31:27|
Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?
-
28
|Deuteronomio 31:28|
Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.
-
29
|Deuteronomio 31:29|
Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.
-
30
|Deuteronomio 31:30|
Wawathetha ke uMoses ezindlebeni zebandla lonke lakwaSirayeli amazwi ale ngoma, ada agqitywa:
-
1
|Deuteronomio 32:1|
Bekani indlebe, mazulu, ndithethe; Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
-
2
|Deuteronomio 32:2|
Ichaphaze njengemvula imfundiso yam, Ihle njengombethe intetho yam, Njengomkhumezelo phezu kohlaza, Njengamathontsi phezu kotyani.
-
3
|Deuteronomio 32:3|
Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova: Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
-
4
|Deuteronomio 32:4|
NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe, Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa, uthe tye yena.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10