-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Deuteronomio 32:15|
Watyeba ke uYeshurun, wakhaba; Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi; Wamlahla uThixo owamenzayo, Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.
-
16
|Deuteronomio 32:16|
Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi.
-
17
|Deuteronomio 32:17|
Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo, Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.
-
18
|Deuteronomio 32:18|
ILiwa elakuzalayo walihilizela, Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
-
19
|Deuteronomio 32:19|
Wabona uYehova, wabalahla, Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
-
20
|Deuteronomio 32:20|
Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo, Ndibone ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo; Ngokuba basisizukulwana sempenduka, Ngoonyana abangenantembeko.
-
21
|Deuteronomio 32:21|
Bona bandikhweletisa ngongeThixo, Bandiqumbisa ngamampunge abo. Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu, Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
-
22
|Deuteronomio 32:22|
Ngokuba kuphenjwe umlilo emathatheni am; Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo, Ulidle ihlabathi neendyebo zalo, Uvuthise iziseko zeentaba.
-
23
|Deuteronomio 32:23|
Ndiya kufumba ububi phezu kwabo, lintolo zam ndiziphelelisele kubo;
-
24
|Deuteronomio 32:24|
Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala, Nembubhiso ekrakra. Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa, Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10