-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
45
|Deuteronomio 32:45|
Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,
-
46
|Deuteronomio 32:46|
wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
-
47
|Deuteronomio 32:47|
Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
-
48
|Deuteronomio 32:48|
Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi,
-
49
|Deuteronomio 32:49|
Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;
-
50
|Deuteronomio 32:50|
ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;
-
51
|Deuteronomio 32:51|
ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningandingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.
-
52
|Deuteronomio 32:52|
Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.
-
1
|Deuteronomio 33:1|
Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi:
-
2
|Deuteronomio 33:2|
UYehova wavela eSinayi, Waphuma kwaSehire phezu kwabo; Wabengezela esezintabeni zeParan, Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi, Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10