-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Deuteronomio 33:13|
NgoYosefu wathi. Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe Ngezinto ezinconywayo zezulu; Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi.
-
14
|Deuteronomio 33:14|
Nangezinconywayo eziveliswa lilanga, Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,
-
15
|Deuteronomio 33:15|
Nangeencopho zeentaba zamandulo, Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
-
16
|Deuteronomio 33:16|
Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo. Nekholo lowahlala etyholweni Malifike entlokweni kaYosefu, Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
-
17
|Deuteronomio 33:17|
Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo! Ziimpondo zenqu iimpondo zayo; Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi. Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo. Ngamawaka akwaManase ke lawo.
-
18
|Deuteronomio 33:18|
NgoZebhulon wathi, Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho; Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
-
19
|Deuteronomio 33:19|
Baya kumema izizwe, zize entabeni, Babingelele khona imibingelelo yobulungisa; Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle Nezinto eziselelwe entlabathini.
-
20
|Deuteronomio 33:20|
NgoGadi wathi, Makabongwe owandisa uGadi. Ubuthuma njengengonyamakazi, Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
-
21
|Deuteronomio 33:21|
Wazibonela isahlulo esiyingqalo; Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho. Weza kwiintloko zabantu, Wenza ubulungisa bukaYehova, Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
-
22
|Deuteronomio 33:22|
Wathi ngoDan, UDan lithole lengonyama; Usuka umtsi eBhashan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10