-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 8:21|
Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:
-
22
|Job 8:22|
Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,
-
1
|Job 9:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
2
|Job 9:2|
Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
-
3
|Job 9:3|
Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
-
4
|Job 9:4|
Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
-
5
|Job 9:5|
Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
-
6
|Job 9:6|
Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;
-
7
|Job 9:7|
Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
-
8
|Job 9:8|
Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 25-27