-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Job 9:29|
Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
-
30
|Job 9:30|
Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
-
31
|Job 9:31|
Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
-
32
|Job 9:32|
Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.
-
33
|Job 9:33|
Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
-
34
|Job 9:34|
Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
-
35
|Job 9:35|
Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.
-
1
|Job 10:1|
Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;
-
2
|Job 10:2|
Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?
-
3
|Job 10:3|
Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30