-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Job 9:19|
Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?
-
20
|Job 9:20|
Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
-
21
|Job 9:21|
Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
-
22
|Job 9:22|
Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.
-
23
|Job 9:23|
Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
-
24
|Job 9:24|
Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
-
25
|Job 9:25|
Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
-
26
|Job 9:26|
Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.
-
27
|Job 9:27|
Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
-
28
|Job 9:28|
Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30