-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Job 10:14|
Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
-
15
|Job 10:15|
Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.
-
16
|Job 10:16|
Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;
-
17
|Job 10:17|
Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
-
18
|Job 10:18|
Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
-
19
|Job 10:19|
Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
-
20
|Job 10:20|
Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
-
21
|Job 10:21|
Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,
-
22
|Job 10:22|
Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.
-
1
|Job 11:1|
Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32