-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Job 13:7|
UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?
-
8
|Job 13:8|
Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?
-
9
|Job 13:9|
Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
-
10
|Job 13:10|
Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
-
11
|Job 13:11|
Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?
-
12
|Job 13:12|
Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.
-
13
|Job 13:13|
Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo.
-
14
|Job 13:14|
Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?
-
15
|Job 13:15|
Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
-
16
|Job 13:16|
Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32