-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Job 14:9|
Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.
-
10
|Job 14:10|
Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
-
11
|Job 14:11|
Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome:
-
12
|Job 14:12|
Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo.
-
13
|Job 14:13|
Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke!
-
14
|Job 14:14|
Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam.
-
15
|Job 14:15|
Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.
-
16
|Job 14:16|
Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam.
-
17
|Job 14:17|
Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam.
-
18
|Job 14:18|
Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34