-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Job 15:17|
Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele;
-
18
|Job 15:18|
Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
-
19
|Job 15:19|
Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
-
20
|Job 15:20|
Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
-
21
|Job 15:21|
Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi.
-
22
|Job 15:22|
Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele.
-
23
|Job 15:23|
Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
-
24
|Job 15:24|
Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
-
25
|Job 15:25|
Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla:
-
26
|Job 15:26|
Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34