-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Job 14:19|
Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke.
-
20
|Job 14:20|
Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
-
21
|Job 14:21|
Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena.
-
22
|Job 14:22|
Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.
-
1
|Job 15:1|
Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
-
2
|Job 15:2|
Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?
-
3
|Job 15:3|
Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na?
-
4
|Job 15:4|
Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;
-
5
|Job 15:5|
Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo.
-
6
|Job 15:6|
Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34