-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Job 15:27|
Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
-
28
|Job 15:28|
Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
-
29
|Job 15:29|
Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
-
30
|Job 15:30|
Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe.
-
31
|Job 15:31|
Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
-
32
|Job 15:32|
Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
-
33
|Job 15:33|
Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
-
34
|Job 15:34|
Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
-
35
|Job 15:35|
Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso.
-
1
|Job 16:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 24-25