-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Job 15:7|
Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?
-
8
|Job 15:8|
Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?
-
9
|Job 15:9|
Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?
-
10
|Job 15:10|
Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.
-
11
|Job 15:11|
Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe?
-
12
|Job 15:12|
Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho,
-
13
|Job 15:13|
Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
-
14
|Job 15:14|
Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
-
15
|Job 15:15|
Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe.
-
16
|Job 15:16|
Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34