-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Deuteronomio 11:25|
Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wokubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.
-
26
|Deuteronomio 11:26|
Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:
-
27
|Deuteronomio 11:27|
intsikelelo, ukuba nithe nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla;
-
28
|Deuteronomio 11:28|
isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.
-
29
|Deuteronomio 11:29|
Kothi, xa athe uYehova, uThixo wakho, wakungenisa kulo ilizwe oya kulo, usiya kulima, uyikhuphele intsikelelo phezu kwentaba yeGerizim, nesiqalekiso phezu kwentaba ye-Ebhali.
-
30
|Deuteronomio 11:30|
Ezo ntaba aziphesheya kweYordan na, ngaphaya kwendlela eya entshonalanga, ezweni lamaKanan, amiyo eArabha, malungana neGilgali, ecaleni leMioki kaMore?
-
31
|Deuteronomio 11:31|
Kuba niya kuwela iYordan, nisiya kulihlutha ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, nilihluthe ke nime kulo.
-
32
|Deuteronomio 11:32|
Gcinani, niyenze yonke imimiselo namasiko endiwabekayo phambi kwenu namhla.
-
1
|Deuteronomio 12:1|
Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulime yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni.
-
2
|Deuteronomio 12:2|
Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10