-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Deuteronomio 11:15|
ndizinike utyani iinkomo zakho, emadlelweni akho, udle uhluthe.
-
16
|Deuteronomio 11:16|
Zigcineni, hleze ikhohliseke intliziyo yenu, nityeke, nikhonze thixo bambi, nibanqule,
-
17
|Deuteronomio 11:17|
uvuthe umsindo kaYehova kuni, alivingce izulu kungabikho mvula, umhlaba ungayivelisi indyebo yawo, nibhubhe kamsinya, ningabikho ezweni elihle, aninika lona uYehova.
-
18
|Deuteronomio 11:18|
La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;
-
19
|Deuteronomio 11:19|
niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
-
20
|Deuteronomio 11:20|
uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:
-
21
|Deuteronomio 11:21|
ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.
-
22
|Deuteronomio 11:22|
Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;
-
23
|Deuteronomio 11:23|
wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.
-
24
|Deuteronomio 11:24|
Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10