-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Deuteronomio 10:7|
Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.
-
8
|Deuteronomio 10:8|
Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.
-
9
|Deuteronomio 10:9|
Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
-
10
|Deuteronomio 10:10|
Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
-
11
|Deuteronomio 10:11|
Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balime ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.
-
12
|Deuteronomio 10:12|
Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;
-
13
|Deuteronomio 10:13|
ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?
-
14
|Deuteronomio 10:14|
Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.
-
15
|Deuteronomio 10:15|
UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
-
16
|Deuteronomio 10:16|
Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7