-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Deuteronomio 9:26|
Ndathandaza ke kuYehova, ndathi, Nkosi yam, Yehova, musa ukubatshabalalisa abantu bakho, ilifa lakho, obakhululeyo ngobukhulu bakho, obakhuphileyo eYiputa ngesandla esithe nkqi.
-
27
|Deuteronomio 9:27|
Khumbula abakhonzi bakho, ooAbraham noIsake noYakobi. Musa ukukhangela ekugogotyeni kwaba bantu, nakokungendawo kwabo, nasesonweni sabo; hleze lithi ilizwe osikhuphe kulo,
-
28
|Deuteronomio 9:28|
Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.
-
29
|Deuteronomio 9:29|
Ke ngabantu bakho nelifa lakho, obakhuphileyo ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo.
-
1
|Deuteronomio 10:1|
Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;
-
2
|Deuteronomio 10:2|
ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.
-
3
|Deuteronomio 10:3|
Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.
-
4
|Deuteronomio 10:4|
Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.
-
5
|Deuteronomio 10:5|
Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
-
6
|Deuteronomio 10:6|
Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7