-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Deuteronomio 9:6|
Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulime; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.
-
7
|Deuteronomio 9:7|
Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.
-
8
|Deuteronomio 9:8|
NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela uYehova ukuba anitshabalalise.
-
9
|Deuteronomio 9:9|
Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.
-
10
|Deuteronomio 9:10|
Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.
-
11
|Deuteronomio 9:11|
Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
-
12
|Deuteronomio 9:12|
Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonakalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
-
13
|Deuteronomio 9:13|
Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;
-
14
|Deuteronomio 9:14|
ndiyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwenze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.
-
15
|Deuteronomio 9:15|
Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7