-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Deuteronomio 9:16|
Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.
-
17
|Deuteronomio 9:17|
Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.
-
18
|Deuteronomio 9:18|
Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
-
19
|Deuteronomio 9:19|
kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso silulandlo.
-
20
|Deuteronomio 9:20|
UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.
-
21
|Deuteronomio 9:21|
Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.
-
22
|Deuteronomio 9:22|
NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.
-
23
|Deuteronomio 9:23|
Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshe-bharneha, esithi, Nyukani, nilime ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, anakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.
-
24
|Deuteronomio 9:24|
Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.
-
25
|Deuteronomio 9:25|
Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mane nobusuku obumashumi mane, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7