-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Deuteronomio 10:17|
Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;
-
18
|Deuteronomio 10:18|
ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.
-
19
|Deuteronomio 10:19|
Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.
-
20
|Deuteronomio 10:20|
Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.
-
21
|Deuteronomio 10:21|
Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho.
-
22
|Deuteronomio 10:22|
Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.
-
1
|Deuteronomio 11:1|
Ngoko ke uze umthande uYehova uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, nemithetho yakhe, imihla yonke.
-
2
|Deuteronomio 11:2|
Yazini ke namhla; ngokuba andithethi noonyana benu abangakwazanga, abangakubonanga ukuqeqesha kukaYehova uThixo wenu, ubukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo,
-
3
|Deuteronomio 11:3|
nemiqondiso yakhe, nezenzo zakhe abezenzile phakathi kweYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwilizwe lakhe lonke;
-
4
|Deuteronomio 11:4|
noko wakwenzayo empini yamaYiputa, emahasheni ayo, nasezingqwelweni zayo zokulwa; oko wahambisa amanzi oLwandle oluBomvu phezu kwayo, ekunisukeleni kwayo, wayicima uYehova unanamhla;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7