-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Deuteronomio 24:8|
Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.
-
9
|Deuteronomio 24:9|
Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa.
-
10
|Deuteronomio 24:10|
Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye.
-
11
|Deuteronomio 24:11|
Uze ume ngaphandle, ithi loo ndoda uyibolekayo iphume, isizise kuwe isibambiso eso.
-
12
|Deuteronomio 24:12|
Ukuba indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo;
-
13
|Deuteronomio 24:13|
wosibuyisela kuyo isibambiso eso ukutshona kwelanga, ilale ngengubo yayo, ikusikelele, ube nobulungisa phambi koYehova uThixo wakho.
-
14
|Deuteronomio 24:14|
Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho.
-
15
|Deuteronomio 24:15|
Ngemini yakhe womnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe.
-
16
|Deuteronomio 24:16|
Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.
-
17
|Deuteronomio 24:17|
Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10