-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Deuteronomio 25:16|
Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
-
17
|Deuteronomio 25:17|
Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;
-
18
|Deuteronomio 25:18|
owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, utyhafile, udiniwe; akamoyika uThixo.
-
19
|Deuteronomio 25:19|
Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulime, usicime isikhumbuzo sika Amaleki phantsi kwezulu; uze unga libali.
-
1
|Deuteronomio 26:1|
Kothi, xa uthe wangena ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, walihlutha, wema kulo:
-
2
|Deuteronomio 26:2|
uthabathe inxenye yolibo lweziqhamo zonke zomhlaba oya kuzingenisa, ziphuma ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, uzibeke engobozini; uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela, ukuba alibeke khona igama lakhe;
-
3
|Deuteronomio 26:3|
uye kumbingeleli othe wakho ngaloo mihla, uthi kuye, Ndiyaxela namhla kuYehova uThixo wakho, ukuba ndingenile kulo ilizwe, awafungayo uYehova koobawo ukuba wosinika lona.
-
4
|Deuteronomio 26:4|
Woyithabatha ke umbingeleli ingobozi esandleni sakho. ayibeke phantsi phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wakho.
-
5
|Deuteronomio 26:5|
Uze uphendule ke uthi phambi koYehova uThixo wakho, EbengumAram ochithakeleyo ubawo. Wehla waya eYiputa, waphambukela khona, ebantu bambalwa; waba luhlanga ke khona olukhulu olunamandla, oluninzi.
-
6
|Deuteronomio 26:6|
Asiphatha kakubi amaYiputa, asicinezela, abeka umsebenzi onzima phezu kwethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10