-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Deuteronomio 26:7|
Sakhala kuYehova uThixo woobawo, waliphulaphula uYehova ilizwi lethu; wazibona iintsizi zethu, nokwaphuka kwethu, nokuxinwa kwethu.
-
8
|Deuteronomio 26:8|
Wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, nangemiqondiso, nangezimanga;
-
9
|Deuteronomio 26:9|
wasingenisa kule ndawo, wasinika eli lizwe, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
-
10
|Deuteronomio 26:10|
Kaloku ke, nanku ndizise ulibo lweziqhamo zomhlaba lowo undinikileyo, Yehova. Uze uyibeke phantsi phambi koYehova uThixo wakho, uqubude phambi koYehova uThixo wakho;
-
11
|Deuteronomio 26:11|
uvuye nendlu yakho ezintweni zonke ezilungileyo akunikileyo uYehova uThixo wakho, wena, nomLevi, nomphambukeli ophakathi kwenu.
-
12
|Deuteronomio 26:12|
Xa uthe wagqiba ukunikela isishumi sonke songeniselo lwakho ngomnyaka wesithathu, ongumnyaka wezishumi wamnika umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, badla emasangweni akho, bahlutha:
-
13
|Deuteronomio 26:13|
wothi phambi koYehova uThixo wakho, Ndiyikhuphe kwee tu into engcwele endlwini yam; kananjalo ndimnikile umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, ngokomthetho wakho wonke ondiwiseleyo; andigqithanga emithethweni yakho, andilibalanga nto.
-
14
|Deuteronomio 26:14|
Andidlanga nto kuyo esililweni sam, andikhuphanga nto kuyo ebunqambini bam, andinikanga nto yayo ngenxa yofileyo. Ndiliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wam, ndenza ngako konke andiwisele umthetho ngako.
-
15
|Deuteronomio 26:15|
Vela ekhayeni lakho elingcwele emazulwini, uqondele, ubasikelele abantu bakho, amaSirayeli, nomhlaba lo usinikileyo, njengoko wafungayo koobawo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
-
16
|Deuteronomio 26:16|
Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10