-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Deuteronomio 24:18|
Khumbula ukuba ube ulikhoboka eYiputa. UYehova uThixo wakho wakukhulula khona; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.
-
19
|Deuteronomio 24:19|
Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho.
-
20
|Deuteronomio 24:20|
Xa uthe wawuvuthulula umnquma wakho, uze ungaphindi uwavuthulule amasebe emva kwakho; woba ngowomphambukeli, nowenkedama, nowomhlolokazi.
-
21
|Deuteronomio 24:21|
Xa uthe wasivuna isidiliya sakho, uze ungasibhikici emva kwakho; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi;
-
22
|Deuteronomio 24:22|
ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa. Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.
-
1
|Deuteronomio 25:1|
Xa kuthe kwabambana amadoda, kweziwa ematyaleni ukuba lithethwe ityala lawo, ize igwetyelwe elilungisa, igwetywe engendawo;
-
2
|Deuteronomio 25:2|
kothi ke, ukuba ithe engendawo yafanelwa kukubethwa umgwebi ayilalise phantsi, ibethwe phambi kwakhe, ngokulingene nokungabi ndawo kwayo, ngokwenani.
-
3
|Deuteronomio 25:3|
Yobethwa imivumbo emashumi mane, kungongezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.
-
4
|Deuteronomio 25:4|
Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula.
-
5
|Deuteronomio 25:5|
Xa bathe bahlala ndawonye abantu bezalana, wafa omnye kubo engenanyana, umfazi wofileyo makangendeli kwindoda yasemzini, yangaphandle; ozalana nendoda yakhe maze amngene, amzeke, abe ngumkakhe, enze kuye okozalana nendoda yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10