-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Job 33:20|
Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.
-
21
|Job 33:21|
Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali.
-
22
|Job 33:22|
Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.
-
23
|Job 33:23|
Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:
-
24
|Job 33:24|
Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho.
-
25
|Job 33:25|
Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;
-
26
|Job 33:26|
Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.
-
27
|Job 33:27|
Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko.
-
28
|Job 33:28|
Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.
-
29
|Job 33:29|
Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7