-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Job 34:17|
Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?
-
18
|Job 34:18|
Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?
-
19
|Job 34:19|
Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.
-
20
|Job 34:20|
Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.
-
21
|Job 34:21|
Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.
-
22
|Job 34:22|
Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.
-
23
|Job 34:23|
Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.
-
24
|Job 34:24|
Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.
-
25
|Job 34:25|
Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.
-
26
|Job 34:26|
Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3