-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Job 34:7|
Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?
-
8
|Job 34:8|
Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?
-
9
|Job 34:9|
Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.
-
10
|Job 34:10|
Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,
-
11
|Job 34:11|
Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.
-
12
|Job 34:12|
Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.
-
13
|Job 34:13|
Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?
-
14
|Job 34:14|
Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,
-
15
|Job 34:15|
Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.
-
16
|Job 34:16|
Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7