-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Job 33:30|
Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi.
-
31
|Job 33:31|
Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna.
-
32
|Job 33:32|
Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.
-
33
|Job 33:33|
Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko.
-
1
|Job 34:1|
Wasusela uElihu, wathi,
-
2
|Job 34:2|
Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.
-
3
|Job 34:3|
Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.
-
4
|Job 34:4|
Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.
-
5
|Job 34:5|
Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.
-
6
|Job 34:6|
Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7