-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Job 34:37|
Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.
-
1
|Job 35:1|
Wasusela uElihu, wathi,
-
2
|Job 35:2|
Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;
-
3
|Job 35:3|
Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?
-
4
|Job 35:4|
Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.
-
5
|Job 35:5|
Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.
-
6
|Job 35:6|
Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?
-
7
|Job 35:7|
Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?
-
8
|Job 35:8|
Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.
-
9
|Job 35:9|
Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7