-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Deuteronomio 29:4|
Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla.
-
5
|Deuteronomio 29:5|
Ndinihambisile iminyaka engamashumi amane entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho;
-
6
|Deuteronomio 29:6|
anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
-
7
|Deuteronomio 29:7|
Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala;
-
8
|Deuteronomio 29:8|
salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa.
-
9
|Deuteronomio 29:9|
Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.
-
10
|Deuteronomio 29:10|
Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli,
-
11
|Deuteronomio 29:11|
nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho;
-
12
|Deuteronomio 29:12|
ukuba ungene emnqophisweni kaYehova uThixo wakho, asesifungweni sakhe, asenzayo uYehova uThixo wakho nawe namhla;
-
13
|Deuteronomio 29:13|
ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10