-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Deuteronomio 29:14|
Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo;
-
15
|Deuteronomio 29:15|
ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla.
-
16
|Deuteronomio 29:16|
Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo;
-
17
|Deuteronomio 29:17|
nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo:
-
18
|Deuteronomio 29:18|
hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane;
-
19
|Deuteronomio 29:19|
kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo.
-
20
|Deuteronomio 29:20|
UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silalephezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.
-
21
|Deuteronomio 29:21|
Woyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo.
-
22
|Deuteronomio 29:22|
Sothi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelolizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:
-
23
|Deuteronomio 29:23|
isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10