-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Deuteronomio 29:24|
Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwalo msindo mkhulu kangaka?
-
25
|Deuteronomio 29:25|
Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, awawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
-
26
|Deuteronomio 29:26|
Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.
-
27
|Deuteronomio 29:27|
Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi;
-
28
|Deuteronomio 29:28|
uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla.
-
29
|Deuteronomio 29:29|
Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.
-
1
|Deuteronomio 30:1|
Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,
-
2
|Deuteronomio 30:2|
wabuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke:
-
3
|Deuteronomio 30:3|
wokubuyisa ke uYehova uThixo wakho ukuthinjwa kwakho, abe nemfesane kuwe, abuye akubuthe ezizweni zonke abekuphangalalisele kuzo uYehova uThixo wakho.
-
4
|Deuteronomio 30:4|
Ukuba uthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wokubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wokuphuthuma nakhona apho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10