-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Deuteronomio 30:5|
Wokuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulime, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.
-
6
|Deuteronomio 30:6|
Woyalusa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.
-
7
|Deuteronomio 30:7|
Wozibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;
-
8
|Deuteronomio 30:8|
ubuye ke wena, uliphulaphule izwi likaYehova, uyenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla.
-
9
|Deuteronomio 30:9|
UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo:
-
10
|Deuteronomio 30:10|
xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe, ebhaliweyo encwadini yalo myalelo; xa uthe wabuyela kuYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
-
11
|Deuteronomio 30:11|
Ngokuba lo mthetho ndikuwiselayo namhla awunto ikunqabeleyo, awukude nokuba kude.
-
12
|Deuteronomio 30:12|
Awusezulwini, ukuba uthi, Ngubani na oya kusinyukela ezulwini, asithabathele siwuve, siwenze?
-
13
|Deuteronomio 30:13|
Awuphesheya kolwandle, ukuba uthi, Ngubani na oya kusiwelela ulwandle, asithabathele, siwuve, siwenze?
-
14
|Deuteronomio 30:14|
Ngokuba ilizwi eli lisondele kunene kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho, ukuba ulenze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10