-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 10:11|
Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.
-
12
|Jeremías 10:12|
Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;
-
13
|Jeremías 10:13|
kwakubonÂ’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.
-
14
|Jeremías 10:14|
Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.
-
15
|Jeremías 10:15|
Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka.
-
16
|Jeremías 10:16|
Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena; uSirayeli sisizwe selifa lakhe; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.
-
17
|Jeremías 10:17|
Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni.
-
18
|Jeremías 10:18|
Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.
-
19
|Jeremías 10:19|
Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.
-
20
|Jeremías 10:20|
Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3