-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 6:1|
Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhete-hakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu.
-
2
|Jeremías 6:2|
Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa.
-
3
|Jeremías 6:3|
Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe.
-
4
|Jeremías 6:4|
Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka.
-
5
|Jeremías 6:5|
Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.
-
6
|Jeremías 6:6|
Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo.
-
7
|Jeremías 6:7|
Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yenjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho.
-
8
|Jeremías 6:8|
Yaleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.
-
9
|Jeremías 6:9|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.
-
10
|Jeremías 6:10|
Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, ayaluswanga indlebe yabo, abanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, abalinanzile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7