-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 11:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
-
2
|Jeremías 11:2|
Waveni amazwi alo mnqophiso, nithethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem;
-
3
|Jeremías 11:3|
uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,
-
4
|Jeremías 11:4|
ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: noba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;
-
5
|Jeremías 11:5|
ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.
-
6
|Jeremías 11:6|
Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.
-
7
|Jeremías 11:7|
Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.
-
8
|Jeremías 11:8|
Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazisa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; abawenza.
-
9
|Jeremías 11:9|
UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.
-
10
|Jeremías 11:10|
Babuyele kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; abasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7