-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 5:1|
Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.
-
2
|Jeremías 5:2|
Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.
-
3
|Jeremías 5:3|
Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na? Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya.
-
4
|Jeremías 5:4|
Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.
-
5
|Jeremías 5:5|
Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphule kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.
-
6
|Jeremías 5:6|
Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.
-
7
|Jeremías 5:7|
Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.
-
8
|Jeremías 5:8|
Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.
-
9
|Jeremías 5:9|
Mandingaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?
-
10
|Jeremías 5:10|
Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7